10. Owabulala iintlanga ezinkulu,Wabulala ookumkani abanamandla;
11. OoSihon, ukumkani wama-Amori,No-Ogi, ukumkani waseBhashan,Nezikumkani zonke zakwaKanan;
12. Walinikela ilizwe labo lalilifa,Lalilifa kumaSirayeli, abantu bakhe,
13. Yehova, igama lakho lingunaphakade,Inkumbuzo yakho, Yehova, ikwizizukulwana ngezizukulwana.
14. Ngokuba uYehova uya kugweba phakathi kwabantu bakhe,Azohlwaye ngenxa yabakhonzi bakhe.
15. Izithixo zeentlanga yisilivere negolide,Umsebenzi wezandla zabantu.
16. Zinomlomo nje, azithethi;Zinamehlo nje, aziboni;
17. Zineendlebe nje, aziva;Akukho nento engumoya emlonyeni wazo.
18. Baya kuba njengazo abenzi bazo,Bonke abasukuba bekholose ngazo.
19. Nina ndlu kaSirayeli, bongani uYehova;Nani ndlu ka-Aron, bongani uYehova.