1. Hayi, uyolo lwabantu bonke abamoyikayo uYehova,Abahamba ngeendlela zakhe!
2. Ukuxelenga kwezandla zakho inene ùya kukudla,Ùya kuba noyolo wena, kulunge kuwe.
3. Umkakho woba njengomdiliya oqhamayoEndlwini yakho ngaphakathi;Oonyana bakho babe njengezithole zomnqumaNgeenxa zonke esithebeni sakho.