Iindumiso 121:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ndíwaphakamisele ezintabeni na amehlo am?Luya kuvela phi na uncedo lwam?

2. Uncedo lwam luvela kuYehova,UMenzi wezulu nehlabathi.

3. Akayi kukha alunikele unyawo lwakho ekutyibilikeni;Akayi kukha ozele umgcini wakho.

4. Ùyabona, akozeli, akalali,UMgcini kaSirayeli.

5. NguYehova umgcini wakho,NguYehova umthunzi wakho ekunene kwakho.

6. Emini ilanga aliyi kukwenzakalisa,Nenyanga ebusuku.

Iindumiso 121