96. Yonke inzaliseko ndiyibonile apho iphela khona;Ke wona umthetho wakho ngumphangalala omkhulu.
97. Hayi, ukuwuthanda kwam umyalelo wakho!Imini le yonke ndiyacamngca ngawo.
98. Indifundisa ubulumko ngaphezu kweentshaba zam imithetho yakho,Ngokuba yeyam ngonaphakade.
99. Ndìnokuqiqa ngaphezu kwabafundisi bam bonke,Ngokuba ngezingqiniso zakho ndiyacamngca.
100. Ndinokuqonda ngaphezu kwamadoda amakhulu,Ngokuba ndizibamba iziyalezo zakho.