Iindumiso 119:67-76 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

67. Ndingekacinezelwa, ndaye ndilahleka;Kungoku ndiyigcinile intetho yakho.

68. Ùlungile wena, ulungisa;Ndífundise imimiselo yakho.

69. Abakhukhumali bathungele ubuxoki ngam;Mna ndizibamba ngentliziyo yonke iziyalezo zakho.

70. Ithe fithi kukutyeba intliziyo yabo;Ke mna ndiziyolisa ngomyalelo wakho.

71. Kundilungele okokuba ndacinezelwayo,Ukuze ndiyifunde imimiselo yakho.

72. Ùlungile kum umyalelo womlomo wakho,Ngaphezu kwamawaka egolide nesilivere.

73. Izandla zakho zindenzile, zandilungisa;Ndíqondise, ndifùnde imithetho yakho.

74. Abakoyikayo bondibona, bavuye,Ngokuba ndilindele elizwini lakho.

75. Ndiyazi, Yehova, ukuba zinobulungisa izigwebo zakho;Ùndicinezèle, phofu ùthembekile.

76. Ngamana inceba yakho yaba yeyokundithuthuzela,Njengokwentetho yakho kumkhonzi wakho.

Iindumiso 119