Iindumiso 119:6-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Bendingayi kudana keEkubhekeni kwam kwimithetho yakho yonke.

7. Ndiya kubulela kuwe ngentliziyo ethe tye,Ekuzifundeni kwam izigwebo zobulungisa bakho.

8. Ndiya kuyigcina imimiselo yakho,Musa ukundishiya kuphele.

9. Umfana uya kuwuqaqambisa ngantoni na umendo wakhe?Ngokuzigcina ngokwelizwi lakho.

10. Ndiya kuquqela kuwe ngentliziyo yam yonke;Musa ukundilahlekanisa nemithetho yakho.

11. Ndiyibeké intetho yakho entliziyweni yam,Ukuze ndingoni kuwe.

12. Ungowokubongwa, Yehova;Ndífundise imimiselo yakho.

13. Ndiyawabalisa ngemilebe yomlomo wamOnke amasiko omlomo wakho.

14. Ndinemihlali endleleni yezingqiniso zakho,Ngathi kusebuncwaneni bonke.

15. Ndiya kucamngca ngeziyalezo zakho,Ndibheke kumendo wakho.

16. Ndiyaziyolisa ngemimiselo yakho;Andiyi kulilibala ilizwi lakho.

17. Mphathe kakuhle umkhonzi wakho, ndidle ubomi,Ndigcíne ilizwi lakho.

18. Vula amehlo am, ukuba ndiyiboneImisebenzi ebalulekileyo yasemyalelweni wakho.

19. Ndingumphambukeli ehlabathini,Musa ukuyisithelisa kum imithetho yakho.

20. Umphefumlo wam ucumkile ngokulangazelelaAmasiko akho ngamaxesha onke.

21. Ùbakhalimele abakhukhumali,Ábaqalekiswa abo, balahlekeneyo nemithetho yakho.

Iindumiso 119