Iindumiso 119:56-72 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

56. Ndinikwe oku,Ukuba ndibambe iziyalezo zakho.

57. Isabelo sam, Yehova, ndithi,Sesokuba ndigcine amazwi akho.

58. Ndiya kubongoza ngentliziyo yonke,Ndíbabale ngokwentetho yakho.

59. Ndazicingela iindlela zam,Ndazibuyisela iinyawo zam ezingqinisweni zakho.

60. Ndikhawulezile andazila-zilaUkugcina imithetho yakho.

61. Izintya zabangendawo zindithandele,Àndiwulibele umyalelo wakhe noko.

62. Ndivuka phakathi kobusuku, ndibulele kuwe,Ngenxa yezigwebo zobulungisa bakho.

63. Ndilidlelane labo bonke abakoyikayo,Nelabazigcinayo iziyalezo zakho.

64. Inceba yakho, Yehova, izalise ihlabathi;Ndífundise imimiselo yakho.

65. Umenzéle okulungileyo umkhonzi wakho,Yehova, ngokwelizwi lakho.

66. Ndífundise, ndibe nemvo nokwazi okulungileyo,Ngokuba ndikholwa yimithetho yakho.

67. Ndingekacinezelwa, ndaye ndilahleka;Kungoku ndiyigcinile intetho yakho.

68. Ùlungile wena, ulungisa;Ndífundise imimiselo yakho.

69. Abakhukhumali bathungele ubuxoki ngam;Mna ndizibamba ngentliziyo yonke iziyalezo zakho.

70. Ithe fithi kukutyeba intliziyo yabo;Ke mna ndiziyolisa ngomyalelo wakho.

71. Kundilungele okokuba ndacinezelwayo,Ukuze ndiyifunde imimiselo yakho.

72. Ùlungile kum umyalelo womlomo wakho,Ngaphezu kwamawaka egolide nesilivere.

Iindumiso 119