43. Musa ukuda ulihluthe emlonyeni wam ilizwi lenyaniso,Ngokuba ndilindele izigwebo zakho;
44. Ndowugcina umyalelo wakho ngamaxesha onke,Ngonaphakade kanaphakade;
45. Ndihamba-hàmbe endaweni ebanzi,Ngokuba ndifuna iziyalezo zakho.
46. Ndothetha ngezingqiniso zakho phambi kokumkani,Ndingabi nakudana.
47. Ndoziyolisa ngemithetho yakhoEndiyithandayo;
48. Ndiziphakámise izandla zam emithethweni yakho endiyithandayo,Ndicamngce ngemimiselo yakho.
49. Khumbula ilizwi lakho kumkhonzi wakho,Ngenxa enokuba ùndithembise lona.
50. Yiyo le intuthuzelo yam ekucinezelekeni kwam,Yokuba intetho yakho indiphilisile.
51. Abakhukhumali bada bandigxeka kakhulu;Kanti àndithi gu bucala emyalelweni wakho.
52. Ndawakhumbula amasiko akho kususela kwanaphakade, Yehova,Ndathuthuzeleka.
53. Ndingenwé ngumsindo oshushu,Ndisenziwa ngabangendawo abalahla umyalelo wakho.
54. Iziingoma kum imimiselo yakho,Endlwini yokuphambukela kwam.
55. Ndilikhumbúle ebusuku igama lakho, Yehova,Ndawugcina umyalelo wakho.
56. Ndinikwe oku,Ukuba ndibambe iziyalezo zakho.
57. Isabelo sam, Yehova, ndithi,Sesokuba ndigcine amazwi akho.