Iindumiso 119:167-173 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

167. Umphefumlo wam uyazigcina izingqiniso zakho,Ndizithanda kunene.

168. Ndiyazigcina iziyalezo zakho nezingqiniso zakho,Ngokuba zonke iindlela zam ziphambi kwakho.

169. Makusondele phambi kwakho ukuhlahlamba kwam;Yehova, ndíqondise ngokwelizwi lakho.

170. Masifike isikhungo sam phambi kwakho;Ndíhlangule ngokwentetho yakho.

171. Umlomo wam mawumpompoze indumiso,Kuba ùndifundisile imimiselo yakho.

172. Ulwimi lwam luya kuyiphendula intetho yakho,Ngokuba yonke imithetho yakho inobulungisa.

173. Isandla sakho masibe sesokundinceda,Ngokuba ndizinyuléle iziyalezo zakho.

Iindumiso 119