Iindumiso 119:162-171 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

162. Ndinemihlali ngentetho yakho,Njengofumene ixhoba elininzi.

163. Ndikuthiyile ukuxoka, lisikizi kum;Ndiyawuthanda umyalelo wakho.

164. Ndikudumisa kasixhenxe ngemini,Ngenxa yezigwebo zobulungisa bakho.

165. Banoxolo olukhulu abawuthandayo umyalelo wakho;Akukho sikhubekiso kubo.

166. Ndikhangela usindiso lwakho, Yehova;Ndenza imithetho yakho.

167. Umphefumlo wam uyazigcina izingqiniso zakho,Ndizithanda kunene.

168. Ndiyazigcina iziyalezo zakho nezingqiniso zakho,Ngokuba zonke iindlela zam ziphambi kwakho.

169. Makusondele phambi kwakho ukuhlahlamba kwam;Yehova, ndíqondise ngokwelizwi lakho.

170. Masifike isikhungo sam phambi kwakho;Ndíhlangule ngokwentetho yakho.

171. Umlomo wam mawumpompoze indumiso,Kuba ùndifundisile imimiselo yakho.

Iindumiso 119