148. Amehlo am áphengela imilindo yasebusuku,Ukuze ndicamngce ngentetho yakho.
149. Líve ilizwi lam ngokwenceba yakho,Yehova, ndíphilise ngokwamasiko akho.
150. Bayasondela abaphuthuma amanyala,Banyawuka emyalelweni wakho;
151. Ùsondele wena, Yehova,Yonke imithetho yakho iyinyaniso.
152. Kudala ndisazi ngokwezingqiniso zakho,Ukuba uzisekile ngonaphakade.
153. Khangela ukucinezeleka kwam, undihlangule,Ngokuba ndingawulibali umyalelo wakho.
154. Bambana nobambene nam, undikhulule,Ndíphilise ngokwelizwi lakho.
155. Lunyawukile kwabangendawo usindiso,Ngokuba abayifuni imimiselo yakho.
156. Iimfesane zakho zininzi, Yehova;Ndíphilise ngokwamasiko akho.
157. Baninzi abandisukelayo nabandibandezelayo;Àndithi gu bucala ezingqinisweni zakho.
158. Ndababona abatshinizi, ndakruquka,Abo bangàyigciniyo intetho yakho.
159. Bóna ukuthanda kwam iziyalezo zakho,Yehova, ndíphilise ngokwenceba yakho.
160. Isimbuku selizwi lakho siyinyaniso iphela,Zingunaphakade zonke izigwebo zobulungisa bakho.
161. Abathetheli bandisukela ngelizé,Intliziyo yam iyankwantyiswa ngamazwi akho.
162. Ndinemihlali ngentetho yakho,Njengofumene ixhoba elininzi.
163. Ndikuthiyile ukuxoka, lisikizi kum;Ndiyawuthanda umyalelo wakho.
164. Ndikudumisa kasixhenxe ngemini,Ngenxa yezigwebo zobulungisa bakho.
165. Banoxolo olukhulu abawuthandayo umyalelo wakho;Akukho sikhubekiso kubo.