13. Ndiyawabalisa ngemilebe yomlomo wamOnke amasiko omlomo wakho.
14. Ndinemihlali endleleni yezingqiniso zakho,Ngathi kusebuncwaneni bonke.
15. Ndiya kucamngca ngeziyalezo zakho,Ndibheke kumendo wakho.
16. Ndiyaziyolisa ngemimiselo yakho;Andiyi kulilibala ilizwi lakho.
17. Mphathe kakuhle umkhonzi wakho, ndidle ubomi,Ndigcíne ilizwi lakho.
18. Vula amehlo am, ukuba ndiyiboneImisebenzi ebalulekileyo yasemyalelweni wakho.
19. Ndingumphambukeli ehlabathini,Musa ukuyisithelisa kum imithetho yakho.
20. Umphefumlo wam ucumkile ngokulangazelelaAmasiko akho ngamaxesha onke.
21. Ùbakhalimele abakhukhumali,Ábaqalekiswa abo, balahlekeneyo nemithetho yakho.
22. Shenxisa imke kum ingcikivo nendelo,Ngokuba ndizibambile izingqiniso zakho.
23. Nangona abathetheli behlala bathethe ngam,Umkhonzi wakho yena ucamngca ngemimiselo yakho.
24. Izingqiniso zakho ziziyoliso zam noko,Zingamaphakathi am.