118. Ubacukucezile bonke abalahlekana nemimiselo yakho,Ngokuba inkohliso yabo ibubuxoki.
119. Wena ususa bonke abangendawo behlabathi njengentlenga,Ngoko ndiyazithanda izingqiniso zakho.
120. Inyama yam isuka ihambe kukunkwantyiswa nguwe,Ndizoyike izigwebo zakho.
121. Ndenza ngesiko nangobulungisa,Ungandinikeli kwabandicudisayo.
122. Mmele umkhonzi wakho, kulunge;Mabangandicudisi abakhukhumali.
123. Amehlo am ayaphela kukululangazelela usindiso lwakho,Nentetho yobulungisa bakho.
124. Umkhonzi wakho menzele ngokwenceba yakhoUndifundise imimiselo yakho.
125. Ndingumkhonzi wakho, ndiqondise,NdizĂ zi izingqiniso zakho.
126. Lilixa lokuba uYehova enze,Kuba bawaphĂșle umyalelo wakho.