Iindumiso 119:113-121 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

113. Abambaxa ndiyabathiya,Wona umyalelo wakho ndiyawuthanda.

114. Isithe lam nengweletshetshe yam nguwe,Ndìlindele elizwini lakho.

115. Sukani kum, nina benzi beento ezimbi,Ndibámbe imithetho yoThixo wam.

116. Ndízimase ngokwelizwi lakho, ndiphile,Ungandidanisi ekulindeni kwam.

117. Ndíxhase ndisinde,Ndihlale ndibheke emimiselweni yakho.

118. Ubacukucezile bonke abalahlekana nemimiselo yakho,Ngokuba inkohliso yabo ibubuxoki.

119. Wena ususa bonke abangendawo behlabathi njengentlenga,Ngoko ndiyazithanda izingqiniso zakho.

120. Inyama yam isuka ihambe kukunkwantyiswa nguwe,Ndizoyike izigwebo zakho.

121. Ndenza ngesiko nangobulungisa,Ungandinikeli kwabandicudisayo.

Iindumiso 119