Iindumiso 116:6-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Ngumgcini wabazizidenge uYehova;Ndandiswele, wandisindisa.

7. Buyela ekuphumleni kwakho, mphefumlo wam,Ngokuba uYehova ukuphatha kakuhle;

8. Ngokuba ewuhlangule umphefumlo wam ekufeni,Iliso lam ezinyembezini,Unyawo lwam ekungqulekeni.

9. Ndiya kuhamba-hamba phambi koYehovaEmazweni abaphilileyo.

10. Ndiyakholwa, xa ndithethayo;Mna ndicinezelekile kunene.

11. Ndathi mna ekuphakuzeleni kwam,Bonke abantu ngamaxoki.

Iindumiso 116