5. UYehova unobabalo, ulilungisa,UThixo wethu unemfesane.
6. Ngumgcini wabazizidenge uYehova;Ndandiswele, wandisindisa.
7. Buyela ekuphumleni kwakho, mphefumlo wam,Ngokuba uYehova ukuphatha kakuhle;
8. Ngokuba ewuhlangule umphefumlo wam ekufeni,Iliso lam ezinyembezini,Unyawo lwam ekungqulekeni.
9. Ndiya kuhamba-hamba phambi koYehovaEmazweni abaphilileyo.
10. Ndiyakholwa, xa ndithethayo;Mna ndicinezelekile kunene.
11. Ndathi mna ekuphakuzeleni kwam,Bonke abantu ngamaxoki.
12. Ndingámbuyisela ngantoni na uYehovaKonke ukundiphatha kwakhe kakuhle?
13. Ndophakamisa indebe yosindiso,Ndinqule igama likaYehova.