14. Ewe, ndozizalisa izibhambathiso zam kuYehova,Phambi kwabantu bakhe bonke kalokunje.
15. Kunqabile emehlweni kaYehovaUkufa kwakbakhe benceba.
16. Okunene, Yehova, ndingumkhonzi wakho,Ndingumkhonzi wakho, unyana womkhonzazana wakho;Ùzicombulule iimbophelelo zam.
17. Ndiya kubingelela kuwe umbingelelo wombulelo,Ndinqule igama likaYehova.
18. Ewe, ndiya kuzizalisa izibhambathiso zam kuYehova,Phambi kwabantu bakhe bonke,
19. Ezintendelezweni zendlu kaYehova,Esazulwini sakho, Yerusalem.Haleluya!