Iindumiso 116:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ndiyamthanda, ngokuba uYehova elivaIlizwi lam, ukutarhuzisa kwam.

2. Ngokuba endithobele indlebe yakhe,Ndiya kumnqula ngemihla yam yonke.

3. Izintya zokufa zandijikela,Iingxingongo zelabafileyo zandifumana,Ndafunyanwa ziimbandezelo nesingqala.

4. Ndanqula ke igama likaYehova, ndathi,Yehova, ndiya kukhunga, siza umphefumlo wam.

Iindumiso 116