9. Wena Sirayeli, kholosa ngoYehova;Uncedo lwabo nengweletshetshe yabo nguye.
10. Nani bendlu ka-Aron, kholosani ngoYehova;Uncedo lwabo nengweletshetshe yabo nguye.
11. Nina boyiki bakaYehova, kholosani ngoYehova;Uncedo lwabo nengweletshetshe yabo nguye.
12. UYehova usikhumbule, wósisikelela;Woyisikelela indlu kaSirayeli,Woyisikelela indlu ka-Aron;
13. Wobasikelela aboyiki bakaYehova,Abancinane kwanabakhulu.
14. UYehova wonandisa nina ngakumbi nangakumbi,Abandise oonyana benu.
15. Nisikelelekile kuYehova,UMenzi wamazulu nowehlabathi.
16. Amazulu ngamazulu kaYehova,Ihlabathi ulinike oonyana babantu.