3. Ulwandle lwabona, lwasaba,IYordan yabuya umva.
4. Iintaba zadloba njengeenkunzi zeegusha;Iinduli, njengamatakane omhlambi.
5. Ùbunani na, lulwandlendini, ukuba usabe?Wena Yordan, ukuba ubuye umva?
6. Nina zintaba, ukuba nidlobe njengeenkunzi zeegusha?Nina zinduli, njengamatakane omhlambi?
7. Wena hlabathi, zibhijabhije ebusweni beNkosi,Ebusweni boThixo kaYakobi;
8. Uloguqula iliwa libe lidike lamanzi,Iqhwitha libe yimithombo yamanzi.