Iindumiso 114:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ekuphumeni kukaSirayeli eYiputa,Kwendlu kaYakobi ebantwini abantetho ingaziwayo,

2. UYuda waba yingcwele yakhe,USirayeli waba sisikumkani sakhe.

3. Ulwandle lwabona, lwasaba,IYordan yabuya umva.

4. Iintaba zadloba njengeenkunzi zeegusha;Iinduli, njengamatakane omhlambi.

5. Ùbunani na, lulwandlendini, ukuba usabe?Wena Yordan, ukuba ubuye umva?

Iindumiso 114