Iindumiso 112:7-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Àkoyikiswa ziindaba ezimbi;Iqinisekile intliziyo yakhe, ikholose ngoYehova.

8. Izimasekile intliziyo yakhe, akoyiki;Úya kuda ababonele ababandezeli bakhe.

9. Uyahlakaza, upha amahlwempu;Ubulungisa bakhe buhlala bumi,Uphondo lwakhe luphakamile, lunozuko.

10. Ongendawo yena uya kukubona, aqumbe,Atshixize amazinyo, anyibilike;Umnqweno wongendawo uyadaka.

Iindumiso 112