5. Unoyolo umntu obabalayo, aboleke;Uya kuyimisa intetho yakhe ematyaleni.
6. Ngokuba akayi kushukunyiswa naphakade;Uya kuba lilungisa elikhunjulwa ngonaphakade.
7. Àkoyikiswa ziindaba ezimbi;Iqinisekile intliziyo yakhe, ikholose ngoYehova.
8. Izimasekile intliziyo yakhe, akoyiki;Úya kuda ababonele ababandezeli bakhe.
9. Uyahlakaza, upha amahlwempu;Ubulungisa bakhe buhlala bumi,Uphondo lwakhe luphakamile, lunozuko.
10. Ongendawo yena uya kukubona, aqumbe,Atshixize amazinyo, anyibilike;Umnqweno wongendawo uyadaka.