1. Haleluya!Hayi, uyolo lomntu omoyikayo uYehova,Oyinoneleleyo kunene imithetho yakhe!
2. Iya kuba nobugorha ehlabathini imbewu yakhe;Isizukulwana sabathe tye sisikelelwe.
3. Bubuncwane nobutyebi endlwini yakhe;Ubulungisa bakhe buhlala bumi.
4. Baphunyelwa kukukhanya ebumnyameni abathe tye,Benobabalo, nemfesane, nobulungisa.
5. Unoyolo umntu obabalayo, aboleke;Uya kuyimisa intetho yakhe ematyaleni.
6. Ngokuba akayi kushukunyiswa naphakade;Uya kuba lilungisa elikhunjulwa ngonaphakade.
7. Àkoyikiswa ziindaba ezimbi;Iqinisekile intliziyo yakhe, ikholose ngoYehova.
8. Izimasekile intliziyo yakhe, akoyiki;Úya kuda ababonele ababandezeli bakhe.
9. Uyahlakaza, upha amahlwempu;Ubulungisa bakhe buhlala bumi,Uphondo lwakhe luphakamile, lunozuko.