Iindumiso 111:4-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Uyenzele ukuze ikhunjulwe imisebenzi yakhe ebalulekileyo;Unobabalo nemfesane uYehova.

5. Ubaphé ukudla abamoyikayo;Uwukhumbule ngonaphakade umnqophiso wakhe.

6. Ubabonise abantu bakhe amandla ezenzo zakhe,Ebanika ilifa leentlanga.

7. Izenzo zezandla zakhe ziyinyaniso nesiko;Zithembekile zonke iziyalezo zakhe.

Iindumiso 111