Iindumiso 111:1-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Haleluya!Ndiya kubulela kuYehova ngentliziyo yonke,Elucweyweni lwabathe tye nasebandleni.

2. Zikhulu izenzo zikaYehova,Zezokungxokwa iintsingiselo zazo zonke.

3. Únendili nobungangamela umsebenzi wakhe,Ubulungisa bakhe bumi ngonaphakade.

4. Uyenzele ukuze ikhunjulwe imisebenzi yakhe ebalulekileyo;Unobabalo nemfesane uYehova.

5. Ubaphé ukudla abamoyikayo;Uwukhumbule ngonaphakade umnqophiso wakhe.

6. Ubabonise abantu bakhe amandla ezenzo zakhe,Ebanika ilifa leentlanga.

7. Izenzo zezandla zakhe ziyinyaniso nesiko;Zithembekile zonke iziyalezo zakhe.

8. Zizimasekile nanini nangonaphakade;Zenziwe ngenyaniso, zithe tye.

9. Ùbathumele abantu bakhe inkululeko;Uwumisele ngonaphakade umnqophiso wakhe;Lingcwele, liyoyikeka, igama lakhe.

10. Ingqalo yobulumko kukoyika uYehova,Banengqiqo elungileyo bonke abenza ngako;Indumiso yakhe ihlala imi.

Iindumiso 111