Iindumiso 109:7-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Ekuthethweni kwetyala makaphume engongendawo,Nomthandazo wakhe ube sisono.

8. Imihla yakhe mayibe mbalwa,Mabuthatyathwe ngomnye ubuveleli bakhe.

9. Oonyana bakhe mababe ziinkedama,Nomkakhe abe ngumhlolokazi;

10. Babhadule bebhadula oonyana bakhe, becela,Bengqiba, bekude namanxuwa akowabo.

11. Umboleki-mali makakushwankathele konke anako,Abasemzini baphange ukuxelenga kwakhe.

12. Makungabikho wolulela nceba kuye,Kungabikho uzibabalayo iinkedama zakhe.

13. Izivela-mva zakhe mazibe zezokunqunyulwa,Igama lazo licinywe esizukulwaneni esizayo.

14. Mabukhunjulwe nguYehova ubugwenxa booyise,Singàcinywa isono sonina.

15. Masibe phambi koYehova ngamaxesha onke,Akunqumle ehlabathini ukukhunjulwa kwabo;

16. Ngenxa enokuba engakukhumbulanga ukwenza inceba,Etshutshise indoda elusizana,Elihlwempu, enentliziyo eyothukileyo, ukuba ayibulale.

17. Ewe, wathanda ukuqalekisa, kwamfikela;Akakufuna ukusikelela, kwakhwelela kùde kuye.

18. Wambatha ukuqalekisa kwanga yingubo yakhe,Kwangena embilinini wakhe njengamanzi,Nanjengeoli emathanjeni akhe.

19. Makube njengengubo kuye, azithe wambu ngayo,Kube luqhwemesha, alunxibe amaxesha onke.

Iindumiso 109