7. Ekuthethweni kwetyala makaphume engongendawo,Nomthandazo wakhe ube sisono.
8. Imihla yakhe mayibe mbalwa,Mabuthatyathwe ngomnye ubuveleli bakhe.
9. Oonyana bakhe mababe ziinkedama,Nomkakhe abe ngumhlolokazi;
10. Babhadule bebhadula oonyana bakhe, becela,Bengqiba, bekude namanxuwa akowabo.
11. Umboleki-mali makakushwankathele konke anako,Abasemzini baphange ukuxelenga kwakhe.
12. Makungabikho wolulela nceba kuye,Kungabikho uzibabalayo iinkedama zakhe.
13. Izivela-mva zakhe mazibe zezokunqunyulwa,Igama lazo licinywe esizukulwaneni esizayo.
14. Mabukhunjulwe nguYehova ubugwenxa booyise,Singàcinywa isono sonina.
15. Masibe phambi koYehova ngamaxesha onke,Akunqumle ehlabathini ukukhunjulwa kwabo;
16. Ngenxa enokuba engakukhumbulanga ukwenza inceba,Etshutshise indoda elusizana,Elihlwempu, enentliziyo eyothukileyo, ukuba ayibulale.
17. Ewe, wathanda ukuqalekisa, kwamfikela;Akakufuna ukusikelela, kwakhwelela kùde kuye.