Iindumiso 109:27-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

27. Bazi ukuba sisandla sakho eso,Ukuba kukwenza kwakho, Yehova.

28. Bayaqalekisa aba, ùyasikelela wena;Besukile bema, baya kudana; ùya kubuya yena umkhonzi wakho.

29. Abandichasayo baya kwambatha ihlazo,Bazithi wambu ukudana njengengubo yokwaleka.

30. Ndiya kubulela kakhulu kuYehova ngomlomo wam,Ndimdumise phakathi kwabaninzi;

31. Kuba emi ekunene kolihlwempu,Ukuba amsindise kwabawugwebayo umphefumlo wakhe.

Iindumiso 109