Iindumiso 109:23-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. Ndijengethunzi xa lolukayo, ndiyemka;Ndiphetshethwa njengenkumbi.

24. Amadolo am ayagexa kukuzila ukudla,Nenyama yam ibhityile, tu ukutyeba.

25. Ndithe ndasisingcikivo kubo;Béndibona, bahlunguzela intloko.

26. Ndíncede, Yehova, Thixo wam,Ndísindise ngokwenceba yakho;

27. Bazi ukuba sisandla sakho eso,Ukuba kukwenza kwakho, Yehova.

28. Bayaqalekisa aba, ùyasikelela wena;Besukile bema, baya kudana; ùya kubuya yena umkhonzi wakho.

29. Abandichasayo baya kwambatha ihlazo,Bazithi wambu ukudana njengengubo yokwaleka.

30. Ndiya kubulela kakhulu kuYehova ngomlomo wam,Ndimdumise phakathi kwabaninzi;

31. Kuba emi ekunene kolihlwempu,Ukuba amsindise kwabawugwebayo umphefumlo wakhe.

Iindumiso 109