23. Ndijengethunzi xa lolukayo, ndiyemka;Ndiphetshethwa njengenkumbi.
24. Amadolo am ayagexa kukuzila ukudla,Nenyama yam ibhityile, tu ukutyeba.
25. Ndithe ndasisingcikivo kubo;Béndibona, bahlunguzela intloko.
26. Ndíncede, Yehova, Thixo wam,Ndísindise ngokwenceba yakho;
27. Bazi ukuba sisandla sakho eso,Ukuba kukwenza kwakho, Yehova.
28. Bayaqalekisa aba, ùyasikelela wena;Besukile bema, baya kudana; ùya kubuya yena umkhonzi wakho.
29. Abandichasayo baya kwambatha ihlazo,Bazithi wambu ukudana njengengubo yokwaleka.
30. Ndiya kubulela kakhulu kuYehova ngomlomo wam,Ndimdumise phakathi kwabaninzi;
31. Kuba emi ekunene kolihlwempu,Ukuba amsindise kwabawugwebayo umphefumlo wakhe.