Iindumiso 109:2-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Ngokuba bandakhamisele umlomo ongendawo, nomlomo onenkohliso;Bathetha ngam ngolwimi lobuxoki.

3. Bandijikele ngeentetho zentiyo;Balwa nam ngelizé.

4. Ekubeni mna ndibathanda, bona bayandichasa,Ndibe mna ndithandaza.

5. Endaweni yobulungisa bandibuyekeza ngobubi;Ekubeni mna ndibathanda, bona bayandithiya.

Iindumiso 109