13. Izivela-mva zakhe mazibe zezokunqunyulwa,Igama lazo licinywe esizukulwaneni esizayo.
14. Mabukhunjulwe nguYehova ubugwenxa booyise,Singàcinywa isono sonina.
15. Masibe phambi koYehova ngamaxesha onke,Akunqumle ehlabathini ukukhunjulwa kwabo;
16. Ngenxa enokuba engakukhumbulanga ukwenza inceba,Etshutshise indoda elusizana,Elihlwempu, enentliziyo eyothukileyo, ukuba ayibulale.
17. Ewe, wathanda ukuqalekisa, kwamfikela;Akakufuna ukusikelela, kwakhwelela kùde kuye.
18. Wambatha ukuqalekisa kwanga yingubo yakhe,Kwangena embilinini wakhe njengamanzi,Nanjengeoli emathanjeni akhe.
19. Makube njengengubo kuye, azithe wambu ngayo,Kube luqhwemesha, alunxibe amaxesha onke.