Iindumiso 108:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Izimasekile intliziyo yam, Thixo,Ndiya kuvuma, ndibethe uhadi,Kwanozuko lwam.

2. Vukani, mrhubhe nohadi;Ndiya kusiphangela isifingo.

3. Ndiya kubulela kuwe phakathi kwezizwe, Yehova,Ndikubethele uhadi phakathi kwezizwe.

4. Ngokuba inkulu ngaphezu kwezulu inceba yakho,Yada yesa esibhakabhakeni inyaniso yakho.

5. ZĂ­phakamise ngaphezu kwezulu, Thixo,Bube phezu kwehlabathi lonke ubuqaqawuli bakho.

Iindumiso 108