27. Bathendeleka, bahexa njengenxila,Butshone bonke ubulumko babo.
28. Bakhala ke kuYehova embandezelweni yabo,Wabakhupha ekucuthekeni kwabo.
29. Ukumisile ukuvuthuza, kwathi cwaka,Amaza ayo azola;
30. Bavuya ke, kuba edambile;Wabafikisa echwebeni abalilangazelelayo.
31. Mabayibulele kuYehova inceba yakhe,Nemisebenzi yakhe ebalulekileyo koonyana babantu!
32. Mabamphakamise ebandleni labantu,Bamdumise embuthweni yamadoda amakhulu.
33. Úyenze imilambo yaba yintlango,Namathende amanzi aba ngumhlaba onxaniweyo;
34. Ilizwe elineziqhamo laba leletyuwa,Ngenxa yezinto ezimbi zabemi balo.