7. Oobawo abayiqiqanga eYiputa imisebenzi yakho ebalulekileyo;Ababukhumbulanga ubuninzi beenceba zakho;Baphika elwandle, eLwandle oluBomvu.*
8. Wábasindisa ngenxa yegama lakhe,Ukuze abazíse ubugorha bakhe.
9. Walukhalimela uLwandle oluBomvu, loma,Wabahambisa emanzini anzongonzongo kwanga kusentlango.
10. Wabasindisa esandleni sobathiyayo,Wabakhulula esandleni sotshaba.
11. Amanzi abagubungela ababandezeli babo,Akwasala namnye kubo.
12. Bakholwa ke ngamazwi akhe,Bayivuma indumiso yakhe.
13. Kanti bahle bazilibala izenzo zakhe,Àbalilinda icebo lakhe.
14. Bàkhanukile entlango,Bamlinga uThixo enkangala.
15. Wabanika abakubizayo;Wathumela ukungcumbeka emphefumlweni wabo.
16. Bamenzela umona uMoses eminqubeni,NoAron ongcwele kaYehova.
17. Wavuleka umhlaba, wamginya uDatan,Waliselela ibandla lika-Abhiram;
18. Umlilo walitshisa ibandla labo,Amalangatye abalenya abangendawo.