41. Wabanikela ezandleni zeentlanga,Balawulwa ngababathiyileyo.
42. Zabaxina iintshaba zabo,Bathotyelwa phantsi kwezandla zazo.
43. Zibe zininzi izihlandlo ebahlangula;Ke bona bamphikisa ngamaqhinga abo,BonĂ¡kala bubugwenxa babo.
44. Noko ke wakunonelela ukubandezelwa kwabo,Akuva ukuhlahlamba kwabo.
45. Wawukhumbula ngenxa yabo umnqophiso wakhe,Wazohlwaya ngenxa yobuninzi beenceba zakhe.