Iindumiso 106:41-45 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

41. Wabanikela ezandleni zeentlanga,Balawulwa ngababathiyileyo.

42. Zabaxina iintshaba zabo,Bathotyelwa phantsi kwezandla zazo.

43. Zibe zininzi izihlandlo ebahlangula;Ke bona bamphikisa ngamaqhinga abo,BonĂ¡kala bubugwenxa babo.

44. Noko ke wakunonelela ukubandezelwa kwabo,Akuva ukuhlahlamba kwabo.

45. Wawukhumbula ngenxa yabo umnqophiso wakhe,Wazohlwaya ngenxa yobuninzi beenceba zakhe.

Iindumiso 106