24. Balicekisa ilizwe elinqwenelekayo,Àbakholwa lilizwi lakhe,
25. Bakrokra ezintenteni zabo,Àbaliphulaphula izwi likaYehova.
26. Wabaphakamisela isandla sakhe, Wafungela ukuba abawise entlango;
27. Ayiwise imbewu yabo phakathi kweentlanga,Abachithachithe emazweni.
28. Bazibandakanya noBhahali-pehore,*Badla imibingelelo yabafileyo,
29. Bamqumbisa ngeentlondi zabo;Sagaleleka phakathi kwabo isibetho.
30. Wesuka wema uPinehasi, walamla;Sathintelwa isibetho.
31. Oko kwabalelwa kuye ekuthini bubulungisaIzizukulwana ngezizukulwana kude kuse ephakadeni.
32. Bamqumbisa emanzini aseMeribha,*Kwehla ububi kuMoses ngenxa yabo;
33. Ngokuba bawuphikisa umoya wakhe,Waphololoza ke ngomlomo wakhe.
34. Àbazitshabalalisa izizwe,Awayethethé ngazo kubo uYehova;