23. Wathi uya kubatshabalalisa,Koko wesukayo uMoses, umnyulwa wakhe,Wema ethubeni phambi kwakhe,Ebuyisa ubushushu bakhe, ukuba angàtshabalalisi.
24. Balicekisa ilizwe elinqwenelekayo,Àbakholwa lilizwi lakhe,
25. Bakrokra ezintenteni zabo,Àbaliphulaphula izwi likaYehova.
26. Wabaphakamisela isandla sakhe, Wafungela ukuba abawise entlango;
27. Ayiwise imbewu yabo phakathi kweentlanga,Abachithachithe emazweni.
28. Bazibandakanya noBhahali-pehore,*Badla imibingelelo yabafileyo,
29. Bamqumbisa ngeentlondi zabo;Sagaleleka phakathi kwabo isibetho.
30. Wesuka wema uPinehasi, walamla;Sathintelwa isibetho.
31. Oko kwabalelwa kuye ekuthini bubulungisaIzizukulwana ngezizukulwana kude kuse ephakadeni.
32. Bamqumbisa emanzini aseMeribha,*Kwehla ububi kuMoses ngenxa yabo;
33. Ngokuba bawuphikisa umoya wakhe,Waphololoza ke ngomlomo wakhe.