16. Bamenzela umona uMoses eminqubeni,NoAron ongcwele kaYehova.
17. Wavuleka umhlaba, wamginya uDatan,Waliselela ibandla lika-Abhiram;
18. Umlilo walitshisa ibandla labo,Amalangatye abalenya abangendawo.
19. Bênza ithole eHorebhe,Baqubuda emfanekisweni otyhidiweyo.
20. Balwananisa uzuko lwaboNgento emilise okwenkomo edla utyani.
21. Bamlibala uThixo, umsindisi wabo,Owênza imisebenzi emikhulu eYiputa;
22. Imisebenzi ebalulekileyo ezweni lakwaHam,Imisebenzi eyoyikekayo eLwandle oluBomvu.
23. Wathi uya kubatshabalalisa,Koko wesukayo uMoses, umnyulwa wakhe,Wema ethubeni phambi kwakhe,Ebuyisa ubushushu bakhe, ukuba angàtshabalalisi.
24. Balicekisa ilizwe elinqwenelekayo,Àbakholwa lilizwi lakhe,
25. Bakrokra ezintenteni zabo,Àbaliphulaphula izwi likaYehova.
26. Wabaphakamisela isandla sakhe, Wafungela ukuba abawise entlango;
27. Ayiwise imbewu yabo phakathi kweentlanga,Abachithachithe emazweni.
28. Bazibandakanya noBhahali-pehore,*Badla imibingelelo yabafileyo,
29. Bamqumbisa ngeentlondi zabo;Sagaleleka phakathi kwabo isibetho.
30. Wesuka wema uPinehasi, walamla;Sathintelwa isibetho.
31. Oko kwabalelwa kuye ekuthini bubulungisaIzizukulwana ngezizukulwana kude kuse ephakadeni.
32. Bamqumbisa emanzini aseMeribha,*Kwehla ububi kuMoses ngenxa yabo;
33. Ngokuba bawuphikisa umoya wakhe,Waphololoza ke ngomlomo wakhe.
34. Àbazitshabalalisa izizwe,Awayethethé ngazo kubo uYehova;
35. Baxubana neentlanga ezo,Bafunda izenzo zazo;