11. Amanzi abagubungela ababandezeli babo,Akwasala namnye kubo.
12. Bakholwa ke ngamazwi akhe,Bayivuma indumiso yakhe.
13. Kanti bahle bazilibala izenzo zakhe,Àbalilinda icebo lakhe.
14. Bàkhanukile entlango,Bamlinga uThixo enkangala.
15. Wabanika abakubizayo;Wathumela ukungcumbeka emphefumlweni wabo.
16. Bamenzela umona uMoses eminqubeni,NoAron ongcwele kaYehova.
17. Wavuleka umhlaba, wamginya uDatan,Waliselela ibandla lika-Abhiram;
18. Umlilo walitshisa ibandla labo,Amalangatye abalenya abangendawo.
19. Bênza ithole eHorebhe,Baqubuda emfanekisweni otyhidiweyo.
20. Balwananisa uzuko lwaboNgento emilise okwenkomo edla utyani.
21. Bamlibala uThixo, umsindisi wabo,Owênza imisebenzi emikhulu eYiputa;
22. Imisebenzi ebalulekileyo ezweni lakwaHam,Imisebenzi eyoyikekayo eLwandle oluBomvu.