25. Wazijika iintliziyo zabo, ukuba babathiye abantu bakhe,Babaqhathanisele abakhonzi bakhe.
26. Wathuma uMoses, umkhonzi wakhe,NoAron awamnyulayo.
27. Bazenza kubo iindawo zemiqondiso yakhe,Nezimanga zakhe ezweni lakwaHam.
28. Wathumela ubumnyama, kwaba mnyama;Ababa nakuwaphikisa amazwi akhe.
29. Wawaguqula amanzi abo, aba ligazi,Wazibulala iintlanzi zabo.
30. Ilizwe labo lanyakazela amaseleEzingontsini zookumkani babo.
31. Wathetha, zafika izibawu,Iingcongconi, emideni yabo yonke.