24. Wabaqhamisa kakhulu abantu bakhe,Wabomeleza ngaphezu kwababandezeli babo.
25. Wazijika iintliziyo zabo, ukuba babathiye abantu bakhe,Babaqhathanisele abakhonzi bakhe.
26. Wathuma uMoses, umkhonzi wakhe,NoAron awamnyulayo.
27. Bazenza kubo iindawo zemiqondiso yakhe,Nezimanga zakhe ezweni lakwaHam.