2. Vumani kuye, mbetheleni uhadi;Xoxani ngemisebenzi yakhe yonke ebalulekileyo.
3. Qhayisani ngegama lakhe elingcwele;Mayivuye intliziyo yabamquqelayo uYehova.
4. Ngxamelani uYehova namandla akhe;Funani ubuso bakhe ngamaxesha onke.
5. Khumbulani imisebenzi yakhe ebalulekileyo awayenzayo,Izimanga zakhe, nezigwebo zomlomo wakhe,
6. Mbewu ka-Abraham, yomkhonzi wakhe,Nyana bakaYakobi, banyulwa bakhe.
7. NguYehova uThixo wethu yena;Zisehlabathini lonke izigwebo zakhe.
8. Úwukhumbula ngonaphakade umnqophiso wakhe,Ilizwi awalimisela iwaka lezizukulwana;
9. Awanqophisana ngalo noAbraham,Awalifungela uIsake;
10. Awalimisayo ukuba libe ngummiselo kuYakobi,Libe ngumnqophiso ongunaphakade kuSirayeli;
11. Esithi, Ndikunika ilizwe lakwaKanan,Libe licandelo lelifa lenu;
12. Besengamadoda ambalwa,Bebancinane, bengabaphambukeli kulo.
13. Babehamba besuka kolunye uhlanga, baye kolunye uhlanga,Besuka kobunye ubukumkani, baye kwabanye abantu.
14. Akavumelanga mntu ukuba abacudise,Wohlwaya ookumkani ngenxa yabo;
15. Esithi, Musani ukubachukumisa abathanjiswa bam,Musani ukubaphatha kakubi abaprofeti bam.
16. Wabiza indlala, yeza phezu kwelizwe,Wawaphula wonke umsimelelo osisonka.
17. Wathuma indoda phambi kwabo;Kwathengiswa ngoYosefu, waba likhoboka.
18. Bazicinezela iinyawo zakhe ngamakhmandela,Wafika umphefumlo wakhe esinyithini;
19. Kwada kwalixesha lokufika kwelizwi lakhe,Intetho kaYehova yamnyibilikisa.
20. Ukumkani wathuma, wamkhulula,Umlawuli wezizwe wamvulela;
21. Wamenza inkosi yendlu yakhe,Umlawuli wemfuyo yakhe yonke,