Iindumiso 105:16-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Wabiza indlala, yeza phezu kwelizwe,Wawaphula wonke umsimelelo osisonka.

17. Wathuma indoda phambi kwabo;Kwathengiswa ngoYosefu, waba likhoboka.

18. Bazicinezela iinyawo zakhe ngamakhmandela,Wafika umphefumlo wakhe esinyithini;

19. Kwada kwalixesha lokufika kwelizwi lakhe,Intetho kaYehova yamnyibilikisa.

20. Ukumkani wathuma, wamkhulula,Umlawuli wezizwe wamvulela;

21. Wamenza inkosi yendlu yakhe,Umlawuli wemfuyo yakhe yonke,

22. Ukuba abakhonkxe abathetheli bakhe ngokuzithandela kwakhe,Amadoda akhe amakhulu awafùndise ubulumko.

23. Waza uSirayeli waya eYiputa,UYakobi waphambukela ezweni lakwaHam.

Iindumiso 105