13. Babehamba besuka kolunye uhlanga, baye kolunye uhlanga,Besuka kobunye ubukumkani, baye kwabanye abantu.
14. Akavumelanga mntu ukuba abacudise,Wohlwaya ookumkani ngenxa yabo;
15. Esithi, Musani ukubachukumisa abathanjiswa bam,Musani ukubaphatha kakubi abaprofeti bam.
16. Wabiza indlala, yeza phezu kwelizwe,Wawaphula wonke umsimelelo osisonka.
17. Wathuma indoda phambi kwabo;Kwathengiswa ngoYosefu, waba likhoboka.
18. Bazicinezela iinyawo zakhe ngamakhmandela,Wafika umphefumlo wakhe esinyithini;
19. Kwada kwalixesha lokufika kwelizwi lakhe,Intetho kaYehova yamnyibilikisa.
20. Ukumkani wathuma, wamkhulula,Umlawuli wezizwe wamvulela;
21. Wamenza inkosi yendlu yakhe,Umlawuli wemfuyo yakhe yonke,
22. Ukuba abakhonkxe abathetheli bakhe ngokuzithandela kwakhe,Amadoda akhe amakhulu awafùndise ubulumko.
23. Waza uSirayeli waya eYiputa,UYakobi waphambukela ezweni lakwaHam.
24. Wabaqhamisa kakhulu abantu bakhe,Wabomeleza ngaphezu kwababandezeli babo.
25. Wazijika iintliziyo zabo, ukuba babathiye abantu bakhe,Babaqhathanisele abakhonzi bakhe.