8. Kwenyuka iintaba, kwehla izihlambo,Aya kuloo ndawo ubuwasekele yona.
9. Wàmisa umda ukuba angegqithi,Angabuye awugubungele umhlaba.
10. Ulothuma imithombo iye ezihlanjeni;Ihamba phakathi kweentaba;
11. Iseza zonke iinyamakazi zasendle;Amaesile asendle aqabula inxano lawo.
12. Kuhlala phezu kwayo iintaka zezulu,Zitsholoza phakathi kwamasebe;
13. Uloseza iintaba kumagumbi akhe aphezulu;Uyahlutha umhlaba ziziqhamo zezenzo zakho.
14. Ulontshulisela iinkomo utyani,Nomfuno wokunceda umntu;Ukuze kuphume isonka emhlabeni.
15. Iwayini iyivuyise intliziyo yomntu;Bukhazimle ubuso ngeoli,Isonka siyixhase intliziyo yomntu.
16. Iyahlutha imithi kaYehova,Imisedare* yaseLebhanon awayityalayo,
17. Apho zakhela khona iintaka;Ingwamza, isemisipresini* indlu yayo.
18. Iintaba zona ezo ziphakamileyo zezamagogo,Amawa azímela iimbila.
19. Inyanga wayenzela amaxesha ayo,Ilanga liyakwazi ukutshona kwalo.
20. Wènza ubumnyama wena, kube sebusuku,Ashukume ngabo onke amarhamncwa ehlathi.
21. Iingonyama ezintsha zigqumela ukuqwenga,Zifuna ukudla kwazo kuThixo.
22. Lakuthi chapha ilanga, ziyahlanganisana,Zibuthume ezikhundleni zazo.
23. Úyaphuma umntu aye emsebenzini wakheNasenkonzweni yakhe, ahlwise.
24. Hayi, ukuba zininzi izenzo zakho, Yehova!Zonke ziphela uzenzé ngobululumko;Ùzele umhlaba zizidalwa zakho.