Iindumiso 104:5-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Wáliseka ihlabathi phezu kwemimiso yalo,Ukuba lingashukunyiswa naphakade kanaphakade.

6. Wáligubungela ngamanzi anzongonzongo njengesambatho,Ema amanzi phezu kweentaba.

7. Ekukhalimeni kwakho asaba,Ezwini lendudumo yakho abaleka buphuthuphuthu;

8. Kwenyuka iintaba, kwehla izihlambo,Aya kuloo ndawo ubuwasekele yona.

9. Wàmisa umda ukuba angegqithi,Angabuye awugubungele umhlaba.

10. Ulothuma imithombo iye ezihlanjeni;Ihamba phakathi kweentaba;

11. Iseza zonke iinyamakazi zasendle;Amaesile asendle aqabula inxano lawo.

12. Kuhlala phezu kwayo iintaka zezulu,Zitsholoza phakathi kwamasebe;

13. Uloseza iintaba kumagumbi akhe aphezulu;Uyahlutha umhlaba ziziqhamo zezenzo zakho.

14. Ulontshulisela iinkomo utyani,Nomfuno wokunceda umntu;Ukuze kuphume isonka emhlabeni.

15. Iwayini iyivuyise intliziyo yomntu;Bukhazimle ubuso ngeoli,Isonka siyixhase intliziyo yomntu.

16. Iyahlutha imithi kaYehova,Imisedare* yaseLebhanon awayityalayo,

17. Apho zakhela khona iintaka;Ingwamza, isemisipresini* indlu yayo.

18. Iintaba zona ezo ziphakamileyo zezamagogo,Amawa azímela iimbila.

19. Inyanga wayenzela amaxesha ayo,Ilanga liyakwazi ukutshona kwalo.

Iindumiso 104