5. Wáliseka ihlabathi phezu kwemimiso yalo,Ukuba lingashukunyiswa naphakade kanaphakade.
6. Wáligubungela ngamanzi anzongonzongo njengesambatho,Ema amanzi phezu kweentaba.
7. Ekukhalimeni kwakho asaba,Ezwini lendudumo yakho abaleka buphuthuphuthu;
8. Kwenyuka iintaba, kwehla izihlambo,Aya kuloo ndawo ubuwasekele yona.
9. Wàmisa umda ukuba angegqithi,Angabuye awugubungele umhlaba.
10. Ulothuma imithombo iye ezihlanjeni;Ihamba phakathi kweentaba;
11. Iseza zonke iinyamakazi zasendle;Amaesile asendle aqabula inxano lawo.
12. Kuhlala phezu kwayo iintaka zezulu,Zitsholoza phakathi kwamasebe;
13. Uloseza iintaba kumagumbi akhe aphezulu;Uyahlutha umhlaba ziziqhamo zezenzo zakho.
14. Ulontshulisela iinkomo utyani,Nomfuno wokunceda umntu;Ukuze kuphume isonka emhlabeni.
15. Iwayini iyivuyise intliziyo yomntu;Bukhazimle ubuso ngeoli,Isonka siyixhase intliziyo yomntu.
16. Iyahlutha imithi kaYehova,Imisedare* yaseLebhanon awayityalayo,
17. Apho zakhela khona iintaka;Ingwamza, isemisipresini* indlu yayo.
18. Iintaba zona ezo ziphakamileyo zezamagogo,Amawa azímela iimbila.
19. Inyanga wayenzela amaxesha ayo,Ilanga liyakwazi ukutshona kwalo.