4. Ulowenza izithunywa zakhe imimoya,Abalungiseleli bakhe umlilo olenyayo.
5. Wáliseka ihlabathi phezu kwemimiso yalo,Ukuba lingashukunyiswa naphakade kanaphakade.
6. Wáligubungela ngamanzi anzongonzongo njengesambatho,Ema amanzi phezu kweentaba.
7. Ekukhalimeni kwakho asaba,Ezwini lendudumo yakho abaleka buphuthuphuthu;
8. Kwenyuka iintaba, kwehla izihlambo,Aya kuloo ndawo ubuwasekele yona.
9. Wàmisa umda ukuba angegqithi,Angabuye awugubungele umhlaba.
10. Ulothuma imithombo iye ezihlanjeni;Ihamba phakathi kweentaba;
11. Iseza zonke iinyamakazi zasendle;Amaesile asendle aqabula inxano lawo.
12. Kuhlala phezu kwayo iintaka zezulu,Zitsholoza phakathi kwamasebe;
13. Uloseza iintaba kumagumbi akhe aphezulu;Uyahlutha umhlaba ziziqhamo zezenzo zakho.
14. Ulontshulisela iinkomo utyani,Nomfuno wokunceda umntu;Ukuze kuphume isonka emhlabeni.