Iindumiso 104:29-35 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

29. Ùyabusithelisa ubuso bakho, ziyakhwankqiswa;Ùyawuhlanganisa umoya wazo, ziphume umphefumlo,Zibuyèle eluthulini lwazo.

30. Ùthuma umoya wakho, ziyadalwa,Ubuhlaziye ubuso bomhlaba.

31. Ubuqaqawuli bukaYehova mabube ngunaphakade;UYehova makavuye ngezenzo zakhe;

32. Ulobheka emhlabeni, uzamazame;Uchukumisa iintaba, ziqhume.

33. Ndiya kuvuma kuYehova lo gama ndidla ubomi,Ndiya kumbethela uhadi uThixo wam ekubeni ndingokhoyo.

34. Makube nencasa kuye ukucamngca kwam;Mna ndiya kuvuya ngoYehova.

35. Mabagqitywe ehlabathini aboni,Bangabi sabakho abangendawo.Mbonge uYehova, mphefumlo wam,Haleluya!

Iindumiso 104