23. Úyaphuma umntu aye emsebenzini wakheNasenkonzweni yakhe, ahlwise.
24. Hayi, ukuba zininzi izenzo zakho, Yehova!Zonke ziphela uzenzé ngobululumko;Ùzele umhlaba zizidalwa zakho.
25. Nâlo ulwandle lulukhulu, lubanzi ngeenxa zombini;Kulapho kuzinambuzane zingenakubalwa,Ezincinane kwanezikhulu izinto eziphilileyo.
26. Kulapho kuhamba iinqanawa;Nango umnenga owawubumbela ukudlala kulo.
27. Zonke ezo nto ziphela zikhangele kuwe,Ukuba uzìnike ukudla kwazo ngexesha elililo.
28. Ùyazinika, ziyachola;Ùyasivula isandla sakho, ziyahlutha kokulungileyo.
29. Ùyabusithelisa ubuso bakho, ziyakhwankqiswa;Ùyawuhlanganisa umoya wazo, ziphume umphefumlo,Zibuyèle eluthulini lwazo.
30. Ùthuma umoya wakho, ziyadalwa,Ubuhlaziye ubuso bomhlaba.
31. Ubuqaqawuli bukaYehova mabube ngunaphakade;UYehova makavuye ngezenzo zakhe;
32. Ulobheka emhlabeni, uzamazame;Uchukumisa iintaba, ziqhume.
33. Ndiya kuvuma kuYehova lo gama ndidla ubomi,Ndiya kumbethela uhadi uThixo wam ekubeni ndingokhoyo.
34. Makube nencasa kuye ukucamngca kwam;Mna ndiya kuvuya ngoYehova.
35. Mabagqitywe ehlabathini aboni,Bangabi sabakho abangendawo.Mbonge uYehova, mphefumlo wam,Haleluya!